Thina siyi-ANC kwiphondo leMpuma Koloni sithi, silungile esi sihlomelo sizayo ukuba sinike amalungelo nakumashishini asebenzisana ncakasana norhulumente okuba abenazo iimpepha-mvume zokuvula iibhanki. Loo nto asiyibeki nje dlakadlaka koko sithi, uMphathiswa lo ujongene nezimali apha eMzantsi Afrika ibe nguye oza kuthi aqinisekise ukuba imithetho ilandelwe ngokufanelekileyo. Iza kuba nguye onqwalayo ukuze kunikwe ilungelo lokuvula ibhanki. Enkosi. [Kwaqhwatywa.]
English: