Ingaba ukutshintshwa koMgaqo-siseko kuza kunqanda urhwaphilizo kusini na? Ingaba ukutshintshwa koMgaqo- siseko kuza kuncedisa ukunyusa uhlahlo lwabiwo-mali lwezemihlaba kusini na? Ingaba ukutshintshwa koMgaqo- siseko kuza kwenza abasebenzi bakarhulumente ukuba bawenze ngokunyanisekileyo umsebenzi wabo kusini na? Ingaba ukutshintshwa koMgaqo-siseko kuza kwenza urhulumente ophetheyo ukuba abenomdla ogqithisileyo ukunika abantu imihlaba kusini na? Ingaba ukutshintshwa koMgaqo-siseko kuza kusombulula iingxaki ezithe zakhona kusini na kule minyaka engama-25 kwimicimbi yemihlaba kulo rhulumente ukhoyo? Hayi andiqondi njalo mna.