Zinamandla kakhulu iziphakamiso esiza nazo apha kwaye sithi, iPalamente eza kungena apha emva kolonyulo mayiqiniseke ukuba isindululo sokuthathwa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo ngenene siyenzeka. Abaninzi sebexoxile apha kodwa impazamo abayenzayo yeyokuba baxoxa izinto zangaphambi kwengxelo yale komiti. Sagqitha apho kudala kwaye kukho isigqibo senyanga yoMnga ethi mawutshintshwe uMgaqo-siseko welizwe.