Sihlalo weNdlu, ndithi ndiza kubaxelela iindaba zabo yinyaniso emsulwa loo nto. Ukuba aniyilungisi le nto siyithethayo kuza kubanzima kuba xa kuphela esi sigaba kuza kufuneka sibe sixoxa lo nobenani sibe siteketa. [Uwelewele.] Kaloku kwalo mntu ugade amapolisa ukuba angenzi unothanda uphinda anike ingxelo kwakuloo mapolisa. Ingaba loo nto iyavakala na maqabane? Ingxaki yenu nina ngoku yeyokuba uBosasa unibonisile ukuba niyeba ngoku nina anifuni kuxelelwa loo nto apha kule Ndlu. La masela.