Sibone ukuba masingenelele njengorhulumente okhathalela abantu baseMzantsi Afrika ngokuthi senze lo Mthetho oYilwayo. Sifike sadibana nawo onke amahlakani eebhanki zase-UK. Kudliwano-ndlebe nawo ayidandalalizisile into yokuba ukusetyenziswa kwalo Mthetho oYilwayo akuzange kube nazimpembelelo zigwenxa kuqoqosho lwase-UK. Bubuxoki bodwa obu buthethwa ngaba bantu. [Kwaqhwatywa.] Ngelo nyathelo siye asakwazi ukuba singawupasisi lo Mthetho oYilwayo kwaye sesona sizathu esabangela ukuba siwukhawulezise. Abantu bethu bayaphela apha phandle kwaye bayaxhatshazwa ngaba ngxowa.