Enkosi Sihlalo. Mphathiswa, kukho indawo apha ekuthiwa yiGrabouw ekumgama oli-120 km ukusuka apha. Xa uqwalasela inani labantu abahlala phaya liye laphindaphindeka kathathu kule minya ili-10 idlulileyo. Into eyenzekayo xa kusiziwa kwiinkqubo zikarhulumente... uxolo bendicinga ukuba uyasiva isiXhosa.
Ndiyaxolisa Mphathiswa, bendisatsho ukuba apha eGrabouw inani labantu abahlala phaya liphindaphindeke kathathu lule minyaka ili-10 idlulileyo. Kusemaphandleni, abantu abaninzi phaya basebenza ezifama kodwa xakusiziwa kwiinkqubo zikarhulumente ufumanisa ukuba ezi nkqubo zenzeka koomaspala abambaxa nakwiidolophu ezinkulu, thina bantu basemaphandleni siyalityalwa.
Umbuzo wam uthi: Ingaba uMphathiswa anganalo kusini na ixesha lokuba ahambele eGrabouw, ajonge ukuba angancedisana njani na nabahlali baphaya, ukuze nabo bakwazi ukuxhamla kwezi nkqubo zikarhulumente? Enkosi.