USEKELA MPHATHISWA WEZEMIDLALO, UBUGCISA NENKCUBEKO: Sibulele Sekela Somlomo. Sibulela imibuzo esuka kumalungu. Umbuzo wokuqala omalumga nendlela esenza ngayo ukujonga ukuba amaphondo noomasipala bayisebenzisa kanjani na imali abayabelwayo. Andazi nokuba niyakhumbula kusini ukuba kaloku amasebe adibana kwindibano nabaPhathiswa bamaphondo (MINMEC) apho athi akwazi ukufumana iingxelo zamaphondo.