Kunyaka-mali wama-2012-13, xa sijongene nokuxhatshazwa nokubulawa kwabantwana, siye sabamba imbizo phaya e-Filadelfia Special School. Loo mbizo yayijolise kubantwana abakhubazekileyo, ifundisa ngokuba abantwana abakhubazekileyo mabayekwe ukuxhatshazwa kuba nabo banawo amalungelo nje ngabo bonke abanye abantwana. Le mbizo yayikhokelwe nguSekela Mphathiswa, Hendrietta Bogopane-Zulu.