Siqhubile kwakhona nge-Techno Girls, apho sifake amantombazana ali- 1829 kwinkqubo yenyanga yeSilimela ngeholide. Okwangoku ngamantombazana ali- 3920 aye axhamla kule nkqubo, kuqukwa nabantwana abakhubazekileyo. Sifuna nje ukuphakamisa kwiNdlu ukuba sifumana kakhulu abantwana abasuka eGauteng, KwaZulu-Natala naseNtshona Koloni, kwaye sifuna ukukhuthaza namanye amaphondo ukuba abe yinxenye yale nkqubo ibaluleke kangaka ikhuthaza abantwana bethu abangamantombazana ukuba babe ziinjineli, amachule ejioloji nesazinzulu. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)