Sihlalo weNdlu, abaPhathiswa, ooSekela baPhathiswa, amaLungu ePalamente neendwendwe ezikhoyo, molweni. I-ANC isazimisele ukusebenza nzima ngenjongo yokufumanela abemi beli bonke impilo engcono nobomi obungcono.
Urhulumente okhokelwa yi-ANC uhambe umgama obonakalayo ekulweni isifo sephepha neNtsholongwane kaGawulayo. Eli dabi limele ukuqiniswa ingakumbi ukuba eli Iizwe liza kufikelela
kumasikelo ehlabathi nalapho amazwe amele ukuqengqa aqangqulule ezi zifo azoyise nobungozi bazo ungafikanga unyaka wama-2030. Ngelixa abantu bequbisana neendleko ezayanyaniswa nesifo sephepha, abaninzi nangakumbi bayadleka ngokuthi baye kuphuthuma amayeza, ukugcina iintsana, ukuphulukana nomvuzo ngesizathu saso esi sifo.
lyafuna ukunqonqoziswa into ethi, esi sifo sephepha sichaphazela iintsapho namakhaya amaninzi asokolayo. I-ANC iwenzile amatile-tile okuqinisekisa ukuba iindleko ezikumila kunje azinafuthe kwaye ziyahlawuleka. Phofu, ubungqina obuvelayo bubonakalisa ukuba ukhuseleko ekuhlaleni, ingakumbi kwabo basebenzisa unyango, lubonakalisa iziphumo ezingcono nezincomekayo.
Umzila wocalu-calulo ubangele ukuba I-ANC ilandele inkqubo egqibeleleyo yokhuseleko lwasekuhlaleni ngenjongo yokulwa nendlala, intswela-ngqesho nokungalingani, zizinto ezo ezimele ukwayanyanyiswa namaxesha amandulo. Ubungqina bubonakalisa ukuba iinkqubo zikarhulumente ziyaphumelela ekulweni nendlala, phofu ziphucula nokusiwa phantsi kwempumlo, ukuhanjwa kwesikolo nempilo engcono.
lsifo sephepha, njengayo yonke eminye imibulalazwe, ayazani namida. Izizwe namazwe amele ukubambana ngezandla ukulwa nesi sifo. Hayi okokuba sime apha sikhombane ngeminwe sityholana ukuba ubani wathi, ubani wathi. Nanjengoko ke le nyanga yoKwindla ithathwa njengenyanga yesifo sephepha kwihlabathi, umhla wama-24, wama-2020 nophawulwa njengosuku lwesifo sephepha jikelele, uya kuba sisikhumbuzo nesiMongo siya kuba sisithi - "It's TIME".
Ingqwalaselo isekukhawuleziseni unyango nogonyo ngelikhawulelana nokusindisa imiphefumlo; ukuphelisa intlupheko nokusa phambili imibono yokuzibophelela kweentloko zamazwe ngowama-2018, kwingqungquthela yabo ngesifo sephepha.
Esi ke sesona sizathu sokuba isifo sephepha soyiswe nkalo zonke eluntwini. Umsebenzi wokwazisa abantu ngale nto umele uqhube, sibafundise sibavundlise abantu ngesi sifo nonyango lwaso, namacebo akhoyo eburhulumenteni.
Mandithathe eli thuba ndibulele; ndidomboze; ndithi huntshuuu kubasebenzi bempilo, oomongikazi bethu nakoogqirha mbombo zonke kweli. La ngamaqhawe nakhokelayo kwidabi lesi sifo; igalelo lenu liyancomeka. [Kwaqhwatywa.] Ukusebenza ngokuthi
uqokolelele ndawonye abantu ibaluleke kakhulu ekukhawulelaneni nefuthe lesifo sephepha kuqoqosho nokuhlala kwabantu.
Ubunkokeli bepolitiki bubalulekile ukuba ihlabathi kwakunye neli lomdibaniso baza kusoyisa esi sifo. Iikomiti zempilo kule Ndlu yoWiso- mthetho yeSizwe, nakwela Bhunga lamaPhondo eSizwe, mazikhokele, zithi ngokuhlangeneyo ziqinisekise ukuba indima yamalungu iyacaca. Bangafonyozi bafede, bathethe kakubi ngalo rhulumente ukhokelwa yi-ANC.
Inkongolo yabantu iyayibethelela indima yamalungu namele ukuba ngamatsha- ntliziyo kweli phulo ingakumbi xa bephumile besebenza kwiingingqi zabo. Funeka ke amalungu azibandakanye nezi okanye kwezi zinto zilandelayo: kwazisa uluntu lokuhlala ngeendlela zokuzikhusela; ukuhlolwa nokuvavanyelwa isifo ingakumbi xa iimpawu zizibonakalisa. Bazibandakanye namaphulo okufumana izigulane ezilahlekayo, nabo bathi bangayi ukuya kuzivavanya, kwanabo bangawatyiyo amayeza. Mabazibandakanye neengxoxo kumaqonga ehlabathi, ngenjongo yokwabelana ngamava nokufunda uhlobo amanye amazwe enza ngalo. Nokudibanisa umsebenzi ngesifo sephepha apho ubani angumthunywa khona - constituency - Incorporate TB in Constituency Work.
Ukuyinqanda le nto yesi sifo kufuneka abantu babenolwazi kuqala ngeempawu, ze kukhuthazwe ukuba abo basulelekileyo bakhangele unyango. Oku kuzaqinisekisa ukuba izigulane ziyawatya amayeza, ixesha lokwenza njalo de liphele.
Izigulane zesifo sephepha ezithatha amayeza zingasebenza ekuhlaleni, yaye ke aba bayayidinga inkxaso yethu ngethuba besendleleni esinge kwimpilo egqibeleleyo.
Mandiqukumbele, ukuzeka mzekweni kumazwi kaMongameli uCyril Matamela Ramaphosa:
"Ukusebenza ngokuhlangeneyo ngolu tshaba lufihlakeleyo iya kubaluloyiso. Yomelelani ukwenzela nabanye babonele kuni nokuba umthwalo uyasinda.
Khumbulani le nto ke, ukuphelisa isifo sephepha nesifo sikagawulayo, kusezandleni zethu. Ndiyabulela. [Kwaqhwatywa.]