Sihlalo weNdlu mandibulele kuSekela Mphathiswa ngempendulo ecace gca kodwa njengokuba sibona ukuba izinga lokusweleka koomama nabantwana, njengoko ebecacisile, lehlile, ingaba ikhona kusini na indima esiyibonayo kwiiMedico-legal claims? Ingaba liyehla kusini na izinga lamabango? Kaloku sakukhumbula ukuba izinga lokusweleka koomama nabantwana ibililo ebelixhome eli zinga kumamabango. Enkosi.