Egameni le-ANC, emva kokuba ikomiti indwendwele uMasipala weSithili i-O R Tambo iye yafumanisa into yokuba kukhona imingeni efana neendlela ezimbi. Baye abathunywa bephondo bazama ukuba badibane nomasipala kunye nabaphathiswa ukuqwalasela lo mba wezi ndlela. Kungoko kulo nyaka mali, uMphathiswa uye wabekela ecaleni imali engangezigidi ezingama-R394,6 ukujonga umcimbi weendlela kwelaa phondo.
Kwakhona, ukuba uya phaya kwesaa sibhedlele saseMthatha esibizwa ngokuba yiNelson Mandela Academic Hospital - umntu owayegqibele esaa sibhedlele sikwimeko engentlanga, uya kuphawula ukuba namhlanje kwelaa candelo labantu abagula ngesifuba - urhulumente waseMzantsi Afrika uye wabeka indawo apho kuxilongwa khona abantu ababefudula besebenza emigodini abasebekhathazwa zizifuba ngoku.
Kwakhona xa ungena ngaphakathi kwesaa sibhedlele, uyakufumanisa ukuba siphuculwe kunohlobo apho abantu ngaphambili babefudula bephila phantsi kwalo. Umzekelo, ukuba uza kungena kwela candelo labagula kakhulu, ufikela kwindawo apho kukho khonna izixhobo zokusebenza zeli xesha. Yiyo loo nto ke ndisenza izifungo kule Ndlu ndisithi kwizinto ezazithe zabonwa zaqwalaselwa yikomiti, ziye zaqapheleka. Enkosi. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Ms P C MQUQU: Chairperson, on behalf of the ANC, after the committee visited the O R Tambo District Municipality, it found that there are challenges such as roads that are in a poor condition. Provincial delegates tried to meet with the municipality, as well as the MECs, to address this issue. That is why the Minister is putting aside an amount of R394,6 million, this financial year, to address the issue of road infrastructure in that province.
Furthermore, if one visits the Nelson Mandela Academic Hospital in Mthatha - as one who last saw that hospital a while back when it was still in a very bad condition - one will notice today that the South African government has set up a unit where former mineworkers who now suffer from chest diseases can be treated in the chest ward.
Again, when one enters the hospital, one will find that its infrastructure has been improved compared to what the previous conditions were that people were faced with. For example, if one goes to the intensive care unit, one will find that it has been equipped with modern machinery. Today, I can vouch to this august House that everything that was highlighted and considered by the committee on their visit has been addressed. Thank you.]