... kucaca ukuba mnye qha unkosikazi onengqondo. Onke amanye amakhosikazi kweli phondo akanangqondo, akakwazi ukucinga, kwaye akanakukwazi ukukhokela. Ngoko ke sithi njengoko i-ANC ithathe umakulinganwe wama-50% yamfaka kuMgaqo-siseko, sibiza onke amaqela ezopolitiko, siqale nge-DA ilandelwa yiNkatha, nabo bonke abaphaya ngaphesheya abanoomama abaliqaqobana phaya kwizitulo ezingasemva. La maqela mawenze ukuba amakhosikazi angene eze apha ngaphambili akhokele siwabone. [Kwaqhwatywa.]