Kuba nzima xa abantu besiya entlanganisweni begweqe ezinye iinkampani ezifuna ukungena kurhulumente bengazibeki iingxaki ngohlobo ezilulo. Uyazi mhlophe into yokuba i-Onderstepoort siyayilungisa sixakeke yiyo kuba urhulumente uyikhuphile imali. Kodwa ngelishwa akezi ePalamente kwaye loo nto akayazi. Kwiveki ephelileyo besihlangene siyikomiti sijonga lo mcimbi. Simxelele sonke ukuba akusekudala onke amayeza abe khona. Ukuba ufika ePalamente athi loo nto ayinjalo, hayi ngelishwa ugawula ihlathi elingenamithi. Enkosi ndiyabulela. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)