Sihlalo, ndicela ukuhlala phantsi kuba sendiyintlekisa koogxa bam aba. Ndiyabulisa ngale njikalanga, endingaziyo nokuba ayiyo yokugqibela na ndimi apha. Ukuba ndiya phi na, kuya kuxhomekeka kwiivoti ze- ANC. Kodwa ndiyazi ukuba siseza kuphinda siphathe.
Ndinombulelo omkhulu kuye wonke umntu othe wathetha apha. Bekufanele ukuba ndibe andithethi namhlanje, kuba ndandithethile ngaphambili. Kambe, ndiva kamnandi xa oogxa bethu bephinda eza zinto saziva phaya eLady Frere.
Njengokuba saya eLady Frere siyile Ndlu, emva kokuba sasiqale ukusa iPalamente ebantwini ngowama-2002, ndifumanise ukuba siye sathi chatha kweli ithuba. Ibikokokugqibela ukuba sise iPalamente ebantwini kulo nyaka, kwaye ndiqinisekile ukuba iqela elilandelayo liya kwenza nangaphezulu.
Ndifuna ukutsho ukuba ngokubhekisele kwezinye zezicelo ezenziwa ngabantu phaya - nanjengoko uMhlalingaphambili esitsho - kuyimfuneko kwaye kunyanzelekile ukuba sonke sizilandele, nokuba ubani uza kuba kule Ndlu, kweyephondo okanye kumasipala.
Ndingalitsho litsole ukuba ngokubhekisele kwezinye zezicelo ezenziwa phaya, sele kukho ingxowa-mali enyusiweyo enemali engangezigidi ezihlanu zeerandi, eza kusetyenziselwa ukubonelela ngezindlu zangasese eziliwaka - zisuka kwinkampani iSanitation Toilets - namanzi. Ezi zibonelelo ziza kuya Emalahleni, eSakhisizwe naseNtsika Yethu. Ziza kuthunyelwa ngenyanga ka- Apreli kulo nyaka wama-2009.
Ke ndicinga ukuba ubukho bethu phaya kwaba luncedo. Ngokungabi kho kwethu phaya mhlawumbi sasingazi kukwazi ukunceda laa masipala ukuze abe ngoku uncediswa ngoongxowa-nkulu ukunyusa ingxowa-mali ejongene noku.
Njengoko nisazi ukuba uthini na umqulu wonyulo we-ANC, ndiqinisekile ukuba enye yezinto ekwathethwa ngazo phaya eLady Frere yimfundo. Siyazi ukuba bekukho phaya izikolo emgangatho wazo ubungancumisi. Nomphathiswa wezemfundo wephondo omtsha naye ebekho kwaye uthembise ngokuziqwalasela eza zikolo zithathu. Ndithi ke ngoko iNdlu le ze imjonge umphathiswa lo ukuba uza kusigcina na isithembiso sakhe ngokubhekisele koku.
Kukho iphulo iNceduluntu phaya, loomama. Ndingatsho namhlanje ukuba sisonke sanceda ngokuya phaya ngoba inkqubo yokugrumba amanzi omthombo phaya kulaa ntaba yaseNcedo Lwethu iyaqhuba.
Ndingatsho ukuba, njengoko etshilo ugxa wam osuka kwiphondo, ubonelelo ngamanzi ngumsebenzi weSebe leMicimbi yaManzi naMahlathi kwaye eli sebe lizibandakanyile kwezi nkqubo. Eli sebe linaso isiphakamiso elisenzileyo, kwaye liwavavanyile namanzi. Ndithetha ukuba le yinto eyenzeka emva nje kokuba sisandul' ukusuka phaya. Ndinethemba lokuba iNdlu le iza kuwulandela lo mba.
Kukwakho nesixa-mali esisilelayo kwiinkonzo zezentlalo ekwakukhalwa ngaso ngexa sasijikeleza phaya kwiphulo iNceduluntu Development Project. Abantu babekhala ngokuba banikwa isixa-mali esiyi-R750 000. Kweso sixa-mali kwafumaneka imali eyi-R375 000 kuphela; intsalela yayo zange iziswe. Ndimi apha nje ndingumlomo wephondo lam; iyile loo mali. Mhlawumbi ngeyingayanga ukubangaba naningazange nithathe inxaxheba, nasuka apha naya phaya eLady Frere. Maz' enethole, Bhunga laMaphondo leSizwe!
Phakathi kwezinye izinto eziphakanyiswayo kulaa ngxelo sisicelo sokuba ngokubhekisele kwizibonelelo zikarhulumente, noko singa singathi nyi, singapheleli kubantwana abaminyaka ili-14.
Thina ke singumbutho kaKhongolozi sesisinyusile esi sibonelelo. Sizivile izicelo zabo, sathetha nabaphetheyo. Ndiyazi ke ukuba njengokuba siphethe nje, siyabaphulaphula abantu ze sixelele abaPhathiswa. Kambe, niyabona ukuba siyababonelela abantwana ukuya kuthi gaa kwabaminyaka ili-18. Sizisa iinkonzo ebantwini, andithi? Iyabonakala loo nto.
Kukho nengxaki esiyive phaya enxulumene noMsobomvu. Andithi apha besisandul' ukuvotela ubuArhente beSizwe boPhuhliso loLutsha, i-National Youth Development Agency. Kuyabonakala ukuba bathethile abantu base- Emalahleni, yeva i-ANC. Ndithetha nje simka kule Ndlu siyiphumezile into yokuba uMsobomvu mawube luncedo njengoko kukhalwa ngawo.
Kukho abantu abasoloko befundekela besithi uMsobomvu unika kuphela abantakwethu abakwi-ANC. Ayiyo nyani ke leyo. Sithe sakuva ukuba kukho into ekufuneka siyilungisile kuMsobomvu, saphumeza ezo zicwangciso.
Phaya kumqulu wonyulo we-ANC, sithetha ngophuhliso lwemimandla yasemaphandleni. Bonke abantakwethu abebemi apha bathethe ngesixa-mali esiyi ... (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Ms B N DLULANE: Chairperson, may I please sit down, because my colleagues are really making fun of me. I greet you all this evening, and I do not know whether or not this is the last time I stand here as an elected representative. The number of votes cast for the ANC will determine my future. However, I know that the ANC will still be the ruling party.
I am grateful to everyone who has addressed the House. I am not supposed to be speaking today, because I had an opportunity to speak before. Nevertheless, I feel good when our colleagues again mention the things that we had heard at Lady Frere.
As this House, we took Parliament to the people of Lady Frere, after we had initiated the programme in 2002. I have discovered that this time we have outdone ourselves. It was the last session of Taking Parliament to the People for this year, and I am sure that the next group will do even better. With regard to some of the requests from the people of Lady Frere, it is necessary and a matter of must that, as the Chairperson has indicated, we indeed follow up on them, regardless of whether one will be deployed in this House, the provincial legislature or at municipal level.
Let me state categorically that, with regard to some of the requests that were made by the communities there, a fund has already been set up and it now stands at R5 million, which will be utilised to provide 1 000 toilets - to be provided by Sanitation Toilets - and water. These toilets will be allocated to the communities of Emalahleni, Sakhisizwe and Ntsika Yethu. They will be delivered in April 2009.
So, I think our visit there has been helpful. If we had not gone there, we would not have been in a position to assist the municipality to such an extent that the business community is now also helping to boost the said fund.
I am sure one of the things that were mentioned at Lady Frere was education, because, as the ANC manifesto declares, education is important. We know that there were schools there which did not meet the required standard. The new MEC for education was also present there and he promised to look at those three schools. Therefore, I say the House should hold the MEC to his word as far as those schools are concerned. There is also a women's project, called Nceduluntu Development Project. Today I can say that it was a good thing that all of us went there, because now the project of diverting water from the fountain at Ncedo Lwethu mountain is in progress.
As my colleague from the province has indicated, provision of water is the responsibility of the Department of Water Affairs and Forestry. The department has been involved in these programmes. The department has tested the water and has made recommendations. This happened shortly after we had left the area. I hope that the House will follow up on this matter.
When we visited the Nceduluntu Development Project, there were complaints regarding a shortfall in the social services budget. The people complained that they had been allocated an amount of R750 000, but they only received R375 000. The balance thereof had never been transferred to the project. I stand here as the mouthpiece of my province; that outstanding amount has now been paid. Perhaps it would not have been paid if you had not gone to Lady Frere. We are grateful to the NCOP for that.
Amongst other things highlighted in this report, is a request regarding the extension of the child support grant to include children who are older than 14 years.
We, as the ANC, have already granted this wish. We have listened to their requests and we have spoken to the authorities. As the ruling party, we listen to the people and take their requests to Ministers. However, you can see that the child support grant includes children who are 18 years old. We bring services to the people, don't we? That is clear.
We had also heard that there was a problem with regard to the Umsobomvu Youth Fund. We have just voted for the National Youth Development Agency. It is clear that the community of Emalahleni has spoken, and the ANC has listened. As I speak, this House has succeeded in ensuring that the Umsobumvu Youth Fund delivers on its mandate because the people were complaining.
There are people who are always making noises alleging that the Umsobomvu Youth Fund approves loans to our brothers in the ANC only. This is not true. When we heard these allegations levelled against the Umsobomvu Youth Fund, we took corrective measures.
In the ANC manifesto we talk about the development of rural areas. All my colleagues who spoke before me referred to an amount of ...]
... R1,7 billion, set aside for food and security.
Sisekhondweni. Walala, wasala ke wena mntu ungawuboniyo umbutho obonelela iimfuno zabantu. Mandibulele. [Kwaqhwatywa.] [We are on track. You snooze, you lose, especially if you do not see which party provides for the people's needs. I thank you. [Applause.]]
Debate concluded.
Question put: That the Report be adopted.
IN FAVOUR: Eastern Cape, Free State, Gauteng, KwaZulu-Natal, Limpopo, Mpumalanga, Northern Cape, North West, Western Cape.
Report accordingly adopted in accordance with section 65 of the Constitution.