Ngokucacileyo, andililo ilungu elihloniphekileyo uFrolick. Ndiyabulela kuMongameli ngengcaciso ecacileyo. Andinawo umbuzo, kodwa icacile kum into yokuba kuza kufuneka ukuba siqinise idolo abameli bethu kuthetha-thethwano xa sele ibiziwe intlanganiso. Kukho izinto ezimbini ebalulekileyo ngezi ngxoxo zothetha-thethwano, zezolimo kunye nerhafu. Okokuqala, iyimfuneko into yokuba babenalo ugunyaziso olusuka kule Ndlu, oluza kwenza ukuba bazi ukuba zeziphi izinto abangenakugqitha kuzo, ngakumbi ngokubhekisele ekuncitshisweni kwerhafu. Okwesibini, njengoko usitsho, Mongameli, kufuneka siqinise umanyano lwamazwe asahlumayo ukuze sithethe into enye ngelizwi elinye. Enkosi. (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Ms N C MFEKETO: Obviously, I am not hon Frolick. I thank the President for the clear explanation. I do not have a question, but it is clear to me that we should do something to strengthen the hand of our negotiators for the negotiations. There are two important issues with regard to these negotiations, namely agriculture and industrial tariffs. Firstly, the representatives must get a mandate from this august House regarding the scope of their negotiations, and more especially the question of the reduction of industrial tariffs. Secondly, as you said, President, we must strengthen unity amongst developing countries so that we speak with one voice. Thank you.]