Siyabulela Mhlalingaphambili; le ntetho ndiza kuyenza namhlanje ndiyenzela ooVukayibambe ababesakubizwa ngokuba ziiYoung Lions, ulutsha lwangeeminyaka yoo-80, nelabona ukuba maluzale ezitalatweni, olwe- ANC kunye neminye imibutho eyayivalwe imilomo ngoko, lusenzela ukuba abone urhulumente wamaBhulu ukuba akenzi nto. Abantu beli loMzantsi Afrika abathi bahlangana eKliptown bayicacisa mhlophe eyokuba uKhongolozi unenkathalo kubantu beli lizwe ngokuthi umbutho wabantu uthabathe izigqibo zokuba abantu baya kulawula, kwaye akukho rhulumente uya kuzingomba isifuba athi umele abantu ngaphandle korhulumente onyulwe sisininzi sabantu.
Lo mbutho unguhobolozela okanye uGalelebhayini awuzange ube nedyudyu, kwaye wazibonakalisa ngokuthi uwushicilele ube sisihlomelo soMgaqo-siseko woMzantsi Afrika uMqulu waMalungelo. Le Ndlu ihloniphekileyo yoWisomthetho yathabatha isigqibo kwisikhokelo sayo esithi njengoko kwanyulwa abameli babantu benyulwa ngabantu boMzantsi Afrika isikhokelo sethu sale Ndlu sithi, kumele ukuba sisebenzise ilizwi labantu ekufezekiseni izifungo zoMgaqo-siseko esazithatha kule Ndlu kunye nasekuphunyezweni kwemithetho nokuba ngamagqabi kumasebe karhulumente.
Kweminye yemisebenzi emininzi kukho nejongene neSebe lezeziMali eluxanduva lokwenza inguqu ngakumbi kwezezimali nakubuncwane beli lizwe jikelele. Masiye apho kufele khona ithole ke. ISebe lezeziMali lithe thaca kule Ndlu iziphakamiso zenguqu kuMthetho wezoMhlalaphantsi njengoko kungazi kuba lula ukwenza njalo. Okokugqibela phambi koku kwakungonyaka wama-2001. Kungoko sisithi lo mngeni awunakuthatyathwa njengowethutyana ngoba iinguqu zenziwa ngokuhamba kwethuba nangokutshintsha kwamaxesha. Iimeko ziyanyanzelisa ukuba kwenziwe iinguqu. iPalamente ngoko inethuba lokwenza ezo nguqu zokuthi siphumeze lo Mthetho uYilwayo.
Lo Mthetho ukhusela amalungelo kunye nabo bonke abantu abaza kuzuza kwipenshoni njengokuba ililungelo labo. Onke amalungu anelungelo lokufumana inxalenye yemali kunye nenzala yayo ethe yangena ngethuba imali igcinwe koovimba okanye kushishinwe ngayo ukusuka kwiminyaka yoo-1980. Siyavuma ukuba onke amalungu kuyimfuneko ukuba afane ngokufanayo lawo asasebenzayo kunye nalawo adla umhlalaphantsi singalibali abalingani kunye nabantwana. Umbutho wesizwe uyakhathala ngoba ujongene neemeko abakuzo abahlolo kunye nabahlolokazi abangakhuselekanga ngokusemthethweni. Injongo yethu yeyokubakhusela ukuze bangabi ngamaxhoba ezi meko.
Siyazi ke ukuba xa injalo inguqu ayibikho mnandi kwaphela kwabanye. Ezi nguqu siziphakamisayo thina malungu ombutho wesizwe siyazamkela, kwaye siyazixhasa. Kutheni sisitsho nje? Kungokuba iimali zabantu esizibeke koovimba zezabo kwaye kufuneka bezifumene kunye nenzala yazo. Ngethuba iKomiti yezeziMali ibihlalutya le ntetho bonke oosomashishini bebengenangxaki namakhwiniba kwezinye iinguqu eziphakanyisiweyo. Inye inguqu abangavumelani nayo - njengokuba ebesitsho ugxa wam - yeyokuba ibuyiselwe ngasemva imali.
Bafunge, bamunca iintupha, bathi unotshe, ayinakwenzeka leyo. Bagrogrise bathi baza kuya kwiinkundla eziphakamileyo zeli lizwe, bade baye nakwiNkundla yomMgaqo-siseko. Sithi ke thina asothuswa yiloo nto. Thina senza oko sifanelwe kukukwenza; sikhusela amalungelo abantu, kwaye sikwakhusela nawabo amalungelo, ngoko sithi mabahambe. Huntshu yiyani apho kwezo nkundla! Izigqibo zenkundla siza kuzamkela, kodwa ze niyazi ukuba yekabani le mali niza kuya ngayo kwezo nkundla. Iza kunqanda bani inkundla ukuba angayifumani imali yakhe umnikazi?
IKomiti iyalamkela igalelo elenziwe yimibutho yabasebenzi xa besijula ngengxoxo kulo mba. Kodwa ke siyacela ukuba xa uyekile emsebenzini uba likheswa ungabikho phantsi kwemibutho yabasebenzi nguwe nomqondisi-zincwadi kuphela ukuze kuphicothwe umba wepenshoni yakho. Ngumngeni kurhulumente nakubo bonke ababandakanyekayo ukuba bajonge abo bantu baza kuba bengamaxhoba xa sele beyekile ukuba ngabasenzi. Umhlekazi apha emva kwam, uthe mandigqagqanise, ndixele umgqakhwe usaba ilifa. [Kwahlekwa.]
Abantu kufuneka bajonge kakuhle, bazikise ukucinga kunganjani na ukuba bangalongeza inani labasebenzi kweli bhunga okanye kule bhodi ukuze bakhusele amalungelo abantu. Siyazi ke ngokwasemthethweni, amalungu ayalingana, iba ziziqingatha ezilinganayo kodwa besisithi ukuba kunokongezwa kungangcono. Siyabulela ke njengekomiti, kwaye sisamkela thina malungu ombutho wesizwe. Masibulele nakugxa wam we-DA, uMarais, yena mntu uhlala ehleli nathi xa sijula ngengxoxo. Sithi le ntsebenziswana anayo angayilahli. Siyacamagushela. Camagu! [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr S E ASIYA: Thank you Chairperson. I dedicate my speech to the brave young lions, the youth of the 1980s, the youth who felt the need to take to the streets. That is the ANC Youth League of that time, working together with the other organisations which were banned at the time. The youth made sure that the apartheid regime realised that it was fighting a losing battle. When people of South Africa met in Kliptown that clearly indicated that the ANC cared about the people of this country. The people decided it was they who should govern, and that there would be no government that would claim to be representing people without them.
This august organisation was not intimidated. It showed that by publishing the Bill of Rights as an addition to the South African Constitution. The National Assembly took a decision in its guide that, as the people's representatives were elected by the people of South Africa, it is necessary to use the people's voice to fulfil the obligations of the Constitution that we took in this House as well as the passing of the legislation, even if these are good working people from the government departments.
One of the tasks the Department of Finance is faced with, is the responsibility to make amendments especially with regard to finances and to the wealth of this country in general. Let us get straight to the point. The Department of Finance displayed in this House motions of amendments to the Pension legislation, as it is not going to be easy to do that. The last time this was done was in 2001. Therefore, it is for this reason that we say, this challenge cannot be taken as a short term challenge, because amendments are made with the opportunity that comes and as time changes. Circumstances are making amendments obligatory. Therefore, Parliament has an opportunity to make those amendments for the Bill to be approved.
This Bill protects the rights and all people are to benefit from their pension as it is their right. All members have a right to get the money with the interest it gained during the time it was put into investments or when it was used in some enterprise, starting from the 1980s. We agreed that all members should benefit equally: those that are still working and those on pension, not forgetting their partners and children. The ANC cares because it deals with conditions that affect the widows and widowers. They are not protected according to the law. Our aim is to protect them in order not to become victims of these conditions.
We know for the fact that, if an amendment is like that it is not liked by some people. We welcome the amendments that we raised as members of the ANC and we support them. Why do we say that? It is because the money invested belongs to them and they should get it together with the interest. The time the Finance Committee was analysing this speech, all businessmen did not have a problem with some of the amendments that were raised. There is only one amendment that they do not agree with, as my partner has already indicated - that the money should be reversed.
They swore that that would never occur. They threatened to go to the High Court of this country, including even the Constitutional Court. Therefore, we say that we do not feel threatened. We only do what we are supposed to do and protect people's rights and even theirs as well. Therefore we say let them go, well done, go to those courts! We will welcome the court's decisions but you should know where this money that you use for transport comes from. Whose money will the court stop from being given to its owner? The committee welcomes the role played by the workers' organisations, when we debated this issue. Therefore, we request that when you leave your job, you should not not become an outcast. It is between you and your financial advisor to discuss your pensions. This is a challenge to the government and all those who are involved, to look at those people who will be victims when they retire. My brother behind me here said I must be short and to the point. [Laughter.]
People must be very careful and think deep. How would it be if they could bring more numbers of workers in this province on board, in order to protect people's rights? However, we know according to the law that members are equal, half are equal but we were saying it would be better if they can bring more. Therefore, we express our sincere gratitude as a committee and also welcome that as members of the ANC. Let me thank my colleague, hon Marais from the DA, who is always with us when we debate. We say he must keep up this co-operation. Well done! [Applause.]]