Somlomo obekekileyo, baPhathiswa abahloniphekileyo namalungu abekekileyo ephela, kwakhona namhlanje sihlangene apha ukuza kuthi ndlela ntle kwelinye ilungu lale Ndlu. Isela elikukufa sele lisithathele kwakhona. Kubonakala ngathi sele sidibana rhoqo ngomba ololu hlobo, yaye loO nto iyadanisa.
Esi sisikhumbuzo esibalulekileyo sokuba ixesha lethu apha emhlabeni lifutshane, kwaye sinomsebenzi ekufuneka siwenzile kwaye siwuphumezile imihla ngemihla kweli ziko, ngoba asazi ukuba singabizelwa nini na edingeni.
Umbutho ohloniphekileyo i-UDM wothukile kakhulu kukuva isithonga sokuwa kwelungu lale Ndlu. Kusapho lwakwaNawa, kwizihlobo, nezalamane sithi: Thuthwini! Lalani ngenxeba, akuhlanga lungehliyo. Okwenzekileyo kudaliwe, kwaye kuyintando kaThixo. Nathi siyaya ngaphesheya. Lala ngoxolo nkosikazi yakwaNawa. Wanga uThixo angawusikelela umphefumlo wakho. Enkosi. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa speech follows.)
[Ms S N SIGCAU: Chairperson, hon Ministers present here and all hon members, we are gathered here today yet again to pay tribute to another member of this House. Like a thief, death has come again and snatched one of us away. It seems as if our meetings to mourn a colleague are becoming too regular, and that is disappointing.
This serves as an important reminder that we are on this earth for a limited time only, and that each day we have work to do and to complete in this institution, because we don't know when we will be called up to meet our Maker.
It was with great shock that the UDM received the news of the passing on of the member of this House. To the Nawa family, their friends and next of kin, we say: Don't despair! Let her soul rest in peace. What has happened was the will of God. We are also going to join them when our time comes. Rest in peace, Mrs Nawa! May God bless your soul! Thank you. [Applause.]]