UMPHATHISWA WEZOLIMO, AMAHLATHI KUNYE NEZOKULOBA: Enkosi. Mandibulele ndiye kumbuzo ongamachiza okunyanga izilwanyana. Ebesebenzisa amanxala akowabo nam ndaba amaqhudu asekhaya, kuba ke ebekhethe ukwenza njalo. Umba wamayeza kudala uyingxaki kwezolimo, kodwa kwiintsuku ezimbini ezidlulileyo, ohloniphekileyo u-Annette Steyn ebekhona kwintlanganiso, wayinikwa ingxelo ngoogqirha bezilwanyana, waxelelwa ukuba yintoni esafunekayo nokuba sindawoni na.