Thank you very much.
Ndiyabulele kakhulu, Mphathiswa, Sekela Mphathiswa nomlawuli jikelele. Mhlawumbi kulo nyaka uzayo ngekhe umntu alifumane eli thuba, asazi ukuba kulo nyaka uzayo kuza kwenzeka ntoni na, umntu usenokusweleka usenokuthini, kodwa ke okwanamhlanje nanjengokuba ndisalifumene eli thuba mandinibulele. Iimfundiso zenu kwezemigodi ziza kuhlala zihleli. Nokuba ndisekhaya ningamangali xa nindibona ndisithi thu ndizo kumamela, kwaye nize ningandigxothi kuba ulapha kum entliziyweni umba wezemigodi. Nindazise ngalo lonke ixesha ukuba kwenzeka ntoni na, khon' ukuze nam ndikwazi ukuqhubeka nabam emakhaya ukuba ndisekhaya. Ndiyanibulele kakhulu. Malungu ekomiti, owu nkosi yam, nokuba niyayirhawula kodwa niyiphethe, ndiyanibulela. Niyiphethe ukudlula abantu abaphesheya, ingakumbi kwezi ntsukwana zimbalwa, kodwa ke siyiphethe. Naku namhlanje siyakwazi ukuxoxa phantsi kweemeko esikuzo. Sigulelwa nangumgcinisihlalo, kodwa siyakwazi ukuma namhlanje sixoxe. Xa ndigqibezela ... Kutheni ingathi uyavuya nje? [Kwahlekwa.] (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Thank you very much, Minister, Deputy Minister and director-general. One never knows what might happen next year, perhaps one might pass on or something, but let me express my gratitude for the opportunity I have right now. Your teachings on mining matters will remain with me forever. Even when I have retired, don't be surprised to see me attending committee meetings and please do not chase me away because mining is an issue very close to my heart.
Please keep me abreast of developments so that I will be able to carry out my work with my own group in the rural areas, if I retire next year. Thank you very much, members of the committee. You are not perfect, but you are doing what needs to be done, more so in the past few days, which is more than can be said for the people across the Chamber. Today we are able to debate matters even in the circumstances in which we find ourselves. In spite of our chairperson being sick, we can hold our own in a debate. In conclusion ... It looks as if you are enjoying this? [Laughter.]]
In conclusion, the ANC supports Budget Vote 32 - Mineral Resources. Thank you. [Applause.]