Mhlalingaphambili, Mphathiswa noSekela-Mphathiswa, malungu abekekileyo ale Ndlu, okokuqala, ndiphakamela ukuxhasa le Voti yoHlahlo-lwabiwo-mali yama-38 yeSebe leMicimbi yaManzi kunye nokusiNgqongileyo. Okwesibini ndiphakamela ukunika incebiso. Andisayi kuya kwinto yokuba ubani uthini na yena. Okokugqibela ndiyathemba ukuba umbutho olawulayo uza kulithatha eli cebo ndiza nalo. Ukususela ngowe-1994 zikhona izinto ezintle esizibonayo ezenziweyo, kodwa kweli cala lokuba savumela ukuba sisuke kwinkqubo yamaphandle size kule nkqubo ikhoyo yamaphondo eyenziwe yambejembeje, sazichana. Loo nto ibangele ukuba ukumanywa kwamaphandle kuninzi lweziseko eziluncedo nezophuhliso ebesele zikhona kweli lizwe, kurhuqe iinyawo. Le nto sithetha ngayo apha ngoku yamanzi siyayibona nasezilokishini. Uyazibona neelokishi ukuba nazo azikade zidityaniswe kwezi ziseko ziluncedo nezophuhliso esele zikhona.
Ixhaphakile into yokuba ubone ifama yomntu omhlophe ngapha iselisa iinkomo amanzi acocekileyo, ilokishi kwelinye icala isokola ukufumana amanzi. Iyafana ke le nto nasezilalini. Ndicinga ukuba kuza kufuneka ukuba siphinde siyiqwalasele siyihlaziye le nkqubo. Ukuba sithi sasisophulela ngokuba kubekho amaphondo noorhulumente basemakhaya, yonke loo nto leyo, kodwa urhulumente wesizwe phantsi kwala Komishoni ikhokelwa nguMongameli yeZiseko eziluNcedo nezoPhuhliso, makhe abe nemephu yokumanya le mimandla.
Imali esiyibonayo eyinkunzi ephumayo iya kwiiprojekthi zomgangatho ophezulu zegcuntswana loohlohle-sakhe, oololiwe abahamba ngesantya esiphezulu, kuphinde kuthiwe kulungiswa iindlela komaRhawutini, eThekwini nakoomaKapa. Abaya babehlala kulaa matyotyombe kowe-1984 ukuya kowe-1985 kooLanga nakooKhayelitsha basahlala kuwo nangoku. Uzibuze umbuzo othi, kutheni na uMphathiswa weSebe lezokuHlaliswa koLuntu leSizwe, uTokyo Sexwale, engenakuthi kwiphondo angaliphethanga, angenelele angenzi ngathi eli phondo ngumbuso ozilawulayo. Kutheni engakwazi ukuthi nantsi imali, zisa umhlaba, makwakhiwe izindlu. Hayini madoda; hayi khona! Khanibe ngathi niyayiqwalasela le nto. [Kwaqhwatywa.] [Kwaphela ixesha.] (Translation of isiXhosa speech follows.)
[Mr B H HOLOMISA: Chairperson, Minister, Deputy Minister and hon members of this House, firstly, I would like to support Budget Vote No 38 of the Department of Water and Environmental Affairs. Secondly, I would like to give some advice. I'm not going to comment on what other members have said. Lastly, I hope that the ruling party will take heed of my advice.
We have seen commendable things that have been done since 1994. However, in this case, we shot ourselves in the foot by allowing ourselves to forgo the rural programme and adopt the provincial one, which was glorified. That resulted in the amalgamation of rural areas into the infrastructure that already existed in this country to slow down. We can even witness what we are talking about now, in the townships. You can see that even the township infrastructure has not yet been amalgamated with the existing one.
It is common to see cattle drinking clean water on a farm owned by a white person on the one side, while the township which is on the other side is struggling to access water. You find the same scenario in the rural areas. I think we need to go back to the drawing board and review this programme if we say that we were compromising by having provinces, local governments and all that. The national government under the Presidential Infrastructure Co-ordinating Commission must have the road map on the amalgamation of these areas.
The capital that we see allocated to big projects caters for the minority - greedy people, express trains, and maintenance of roads in Johannesburg, Durban and Cape Town. Those who were residing in the informal settlements in 1994 to 1995, in the Langa and Khayelitsha townships, are still residing there. You ask yourself this question: Why does the Minister of Human Settlements, hon Tokyo Sexwale, not intervene, and not regard this province as if it is an enclave? He should not treat this province as a federal state. Why can't he make funds available and demarcate the land and then have houses built? No man, this is not the way to do things! Please take this into serious consideration. [Applause.] [Time expired.]]