Sihlalo, ndivumele ndikhahlele kwiiKumkani nabantwana bomthonyama, ndithi ngqanga neentsiba zayo. Kuninzi okwaziwayo ngemisebenzi yobuqhawe beenkosi ngexesha lembali yokulwela amalungelo abantu kurhwaphilizo lomhlaba ngabangeneleli abangamakoloniyali. Yiyo loo nto siza kusoloko sikhahlela kwiinkosi zemveli, kuKumkani uSandile, kuMaqoma, kuLangalibalele, kuFadana, kuTyhali nakuSiyolo. Sinebhongo lokuma apha sithethe ngeenkosi zomthonyama, ezifana nooDalindyebo, ooDinizulu, ooMakgatho, ooGumede, oonkosi uDalibhunga kaMandela.
Abanye benu kule Ndlu abanabhongo lokuma babeneqhayiya bathethe ngooMalan, ooStrydom, ooVerwoerd, ooVorster kunye nooBotha, ekuyimbali yabo leyo. Bantwana beenkosi, nakundixolela kancinci kuba kufuneka ndilungise ukuhlala. Bendinqwenela ukuthetha nani namhlanje kodwa ndakuphambuka nje kancinci, ndibhekise kweli cala leNdlu. Bantwana beenkosi, ayivakali ncam intetho yoHloniphekileyo uMosimane weCope. Ngenxa yoko, akazazi nokuba ukhonza uLekota okanye uShilowa. Esikulindele kuye kukuba uza kuxela uBalindlela. Ndiyathemba kodwa ukuba ekulandeleni uBalindlela akazi kulahleka apha kule Ndlu njengamalungu e-UDM ne-Azapo esingawaboniyo namhlanje. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Nkosi Z M D MANDELA: Chairperson, allow me to salute the kings and the children of the soil, and say protocol is observed. A lot is known about the heroic deeds of chiefs during the struggle for human rights in the face of the plunder of our land by colonial settlers. That is why we are going to constantly salute traditional leaders, such as King Sandile, Maqoma, Langalibalele, Fadana, Tyhali and Siyolo. We are proud to stand here and talk about traditional leaders such as Dalindyebo, Dinizulu, Makgatho, Gumede and Chief Dalibhunga Mandela.
Some of you in this House are not proud to stand here and talk about Malan, Strydom, Verwoerd, Vorster and Botha, who are part of your history. Please bear with me, traditional leaders, as I have to set the record straight. My wish was to address myself to you today, but I have to digress just a little and address myself to this side of the House.
Traditional leaders, the speech by hon Mosimane from Cope does not make sense. She does not know whether she is loyal to Lekota or to Shilowa. We expect her to follow in the footsteps of Balindlela. I just hope that in following in Balindlela's footsteps she will not be lost to this House like some members of the UDM and Azapo that are no longer here.]
Hon Ditshetelo, Operation Clean Audit is dealing with the concerns that you raised about fraud and corruption. Ndiyafuna ke ukugxininisisa apha koHloniphekileyo uSteenhuisen. [I do want to pay more attention to hon Steenhuisen.]
The opposition is quick to look at this side of the House when they raise issues of service delivery. They recently had protests in the Western Cape by white community members on the West Coast regarding dissatisfaction with municipal services. [Interjections.] Hon Boinamo, people living in glass houses should not be throwing stones.
I must outline that various reports have slammed the DA on the living conditions in Khayelitsha, Rawsonville and even Knysna, and in Khayalethu, where 4 500 households are still without proper sanitation. As expected the Mayor, Mrs De Lille, said that our people, your brothers and sisters, citizens of our beloved country - I quote her - "preferred the bucket system". Shame on her!
There is a backlog of over 80 000 households which lack proper basic sanitation in this province. In the recent by-elections, the ANC won most of the municipal wards. South Africans continued ...