The ANC has won most of the municipal wards. South Africans have continued to show their confidence in the ANC-led government. We will meet at the polls next year. [Applause.]
Bantwana beenkosi, xa ndiza kubuyela kuni, umbutho weenkokeli zemveli unembali ecacileyo yophuhliso ngokweminyaka emininzi yenkqubela yawo. Lo mbutho wazinzisa ulawulo londileko nolunesidima. Ulawulo lwentando yesininzi, kwelinye icala, lunendlela yalo nembali yalo ekungafunekiyo ukuba ithelekiswe ncam nolawulo lwemveli. Enye into ebalulekileyo i-ANC yanika iinkokeli zemveli amagunya okulawula umhlaba lo singawo namhlanje.
Umongo wolawulo lwale Ndlu Yeenkosi Zemveli unomthetho oqulethwe kuMthetho Nombolo we-10 we-1997 othi iinkokeli zemveli zinendima ebalulekileyo kwinkqubela kwaye zinikwe amagunya okuba zidlale indima ebalulekileyo xa kusekwa amabhunga olawulo lwemveli ngexesha lokuceba oomasipala abambaxa. Le yindlela urhulumente we-ANC abonisa ngayo ukuba wonke umntu unelungelo lokuthatha inxaxheba kulawulo oluzinzileyo nokunika isidima kulawulo lweenkokeli zemveli ukuze kucace iinjongo zomzabalazo wentando yesininzi kawonke-wonke.
Kodwa namhlanje, malungu ahloniphekileyo, kukho abanye abazinyanzela kumzabalazo. Umzabalazo awufani neBEE apho kuthiwa kuthengwa ubumnyama. Umzabalazo awuthengeki; soze nithi ngenxa yokuba uBalindlela ewele kuni, nicinge ukuba niza kuba nebango kumzabalazo. Sifuna ke kucace phandle ukuba iinkokeli zemveli ziwusebenzele lo mhlaba wookhokho bazo. Sithi kuni, bantwana bomthonyama, hambani niye kukhusela ilifa lenkululeko looyihlo nooyihlomkhulu; niphume ngobuninzi benu kulo nyaka ulandelayo niye kumisela amashumi amabini eminyaka yentando yesininzi nokuqinisekisa ukuba siyayikhusela le ntando yesininzi eyeza namagorha eli lizwe. Enkosi. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Coming back to traditional leaders, the traditional leaders' organisation has a clear history of progressive development. This organisation brought about dignified leadership. Democracy, on the other hand, has its own way and its own history and must therefore not be compared with traditional leadership. More importantly, the ANC made traditional leaders custodians of land, and today's debate is all about land.
The administration of the House of Traditional Leaders is based on Act No 10 of 1997, which says that traditional leaders have an important role to play in fostering progress and that they have been mandated to play an important role in the establishment of traditional councils during the planning of metropolitan municipalities. This is how the ANC-led government shows that everyone has a right to participate in a stable government, and this is also how it gives dignity to stable traditional leadership in order to give clarity to the objectives of democratic rule.
But today, hon members, there are those that force themselves upon the struggle. The struggle is not like BEE, in respect of which it is said you can buy blackness. The struggle cannot be bought; do not think that because Balindlela has joined you, you can lay claim to the struggle. We want it to be clear that traditional leaders have worked for the land of their forefathers. We say to you, children of the soil, go and defend the legacy of freedom that your fathers and forefathers left you; go in large numbers next year and set up 20 years of democracy, and ensure that we defend this democracy that was brought about by the heroes of this country. Thank you. [Applause.]]