Sixoxa ngeVoti ejongwe ngamehlo abomvu luluntu jikelele, unozala weeVoti, iVoti ke ngoko evuselela ithemba ebantwini bethu kuba uninzi lwabo luphila nezinxenxe zamanxeba afana nala aba bantu bakweli cala phantsi kocalucalulo. Bangakuxelela amabali abo ocalucalulo njengeengxwelerha anjengokuba balimala. Xa sithetha ngophuhliso ke ngoko, sithunuka izilonda ezinzulu. Musani ukusiqala nithi nilwela ucalucalulo. Ezo zilonda sinazo kuba singamaxhoba engcinezelo. Asiyiqoboli le nto siyithethayo. Yeka nje aba baphakathi kwethu badwabayo bethetha ngathi ingcinezelo bayayazi. Kubo ukusokola liphupha nje abalibaliselwayo. Ndiqinisekile ukuba balibaliselwa ngabasebenzi basekhaya bakumawabo ukuba yintoni ukuhlupheka. Masibayeke oodwabayo aba. (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Mrs P TSHWETE: We are debating a Budget Vote which is very important to all of us; the mother of all Budget Votes; the Vote which is on bringing back hope to our people, because most of them are full of gaping wounds which are the same as those caused by the people on the other side under apartheid. They would tell you stories of their suffering as victims. When we are speaking of development now, we are opening deep wounds. Do not start and say you are fighting against discrimination. The wounds we have are the outcomes of being victims of apartheid. We know what we are talking about. Don't listen to those here among us who are telling stories as if they know what apartheid is, when they have absolutely no clue. To them, suffering and hardship is just a dream that they were told about. I am sure they heard about poverty from people who were working in their homes. Let us forget about people who talk nonsense.]
The ANC supports the Budget Vote. Thank you. [Time expired.]