Deputy Speaker, thank you.
Mphathiswa, andonelisekanga. Ndifuna ukubuza lo mbuzo, njengokuba sele utshilo okokuba unamanyathelo asixhenxe oza kuwathatha, ngaphambili ukhe wachaphazela into yokuba kufunela kubekho isikolo esiza kufundisa amagosa oluntu ukwenzela ukuba akwazi ukwenza umsebenzi ngendlela eyiyo, Kodwa awukhange uyithethe ke loo nto kwimpendulo yakho ngoku. Ndifuna ukuqonda ukuba ingaba, njengokuba namhlanje iPublic Administration Leadership and Management Academy, Palama, isawenza lo msebenzi wokufundisa amagosa oluntu, kwaye ifundisa inani eliphantsi lamagosa minyaka le, uza kukwazi kusini na ukuyilwela into yokuba ingxowa-mali yokufundisa amagosa oluntu inyuke kancinci ukuze bakwazi ukuwenza lo msebenzi bafanele ukuwenza, lo sele uphawulwe kwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe, NDP? (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Minister, I am not satisfied. I want to ask this question, as you have already mentioned that you have seven steps which you are going to follow. Previously you have mentioned that there must be a school that is going to teach public officials the correct ways of doing their work, but you did not mention that in your answer here. I want to know whether, as the Public Administration Leadership and Management Academy, Palama, is still doing that job, and enrolling just a minimum number of those officials annually, the Minister will see to it that more funds are made available to cater for public officials in order for them to fulfil their mandate, as mentioned in the National Development Plan.]