Umfundisi obeqhuba umngcwabo, bawo uMeshoe, ubuzile ukuba baphi na abefundisi kuba lo mfana ufike kula lali esithi usindisiwe, ezigqume ngeBhayibhile. Uyabuza ke uMfundisi waseWisile, uMfundisi uGuzana ukuba baphi na abefundisi xa kukho ezi zihelegu zingaka? Asikeva ukuba uMfundisi Meshoe wenza ntoni na ngerhamente yakhe egcwele umhlaba wonke, apho kwenzeka khona ezi zihelegu.