Ndifuna ukuthi kwakhona, ngoLwesine, sakube siphaya eLimpopo, apho umama abethwe khona engenatyala, wahanjiswa ze ngabafana abancinci; apho abantwana baye babethwa khona kwakule venkile inye. Sithi abo benze ezi zimanga zokuxhaphaza oomama mabavalelwe kwesimnyama isisele, bangaze baphinde baphume baye kuxhaphaza abantu bakowethu, ingakumbi oomama. Sifuna nokuba uMphathiswa wezoRhwebo noShishino makakhe ayiqondisise ukuba ingaba aba bantu bayifanele kusini na ilayisenisi yokurhweba xa kwabona bengabophuli-mthetho bokungcikiva oomama nabantwana. Siyabulela Somlomo. (Translation of isiXhosa speech follows.)