Somlomo, ndizibulisele kuMongameli. Ndibulela ngale nkcazelo inkulu nentle kangaka. Bendiza kukuqakathisa ngemibuzo eliqela ntonje uye wayifunda imibuzo yam ndingakunikanga, waze wandiphendula wena, kuba phakathi kwemibuzo ebendiza kukubuza yona yinto yokuba zeziphi iimpawu zenkokheli ethanda ilizwe layo okanye ithandazwe ngobunkokeli, kuba abanye abantu bayalibala xa bezinkokheli zeli lizwe. Kubakho izinto abazishiyelelayo apha ekuphatheni. Ngako oko ke, Mongameli, ndiyabulela kuba umbuzo wam ubumnye kodwa impendulo yakho igcwalise iphepha, enkosi. [Kwaqhwatywa.]
UMONGAMELI WESIZWE: Somlomo, enyanisweni nangona unyanisile uba entethweni endiyenzileyo noko zikhona iimpendulo, kodwa ngokufutshane nje ndingathi, inkokeli iye ibonakale ngokuba kuyo yonke into eyenzayo neyithethayo ibeke ilizwe layo phambili, yinkokeli ke leyo. Ndiyabulela. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr L SUKA: Hon Speaker, greetings to the President. I thank him for the clear and concise explanation. Hon President, I would have put a number of questions to you, but it looks as if you read my mind and answered them before I could even put them to you. One of the questions I would have put to you would have been, what are the characteristics of a patriotic leader or of patriotic leadership, considering that some people forget what these are once they become leaders of this country? Consequently, they fall short in their leadership. Therefore, I thank you, hon President, because I only had one question but your reply filled a whole page. Thank you. [Applause.]