USEKELA MPHATHISWA WAMAPOLISA: Enkosi kakhulu, Somlomo. Mam' uDlulane, ndiyabulela kakhulu ngokusibonisa ukuba siyibambile singurhulumente okhokelwa nguKhongolose. Siyathemba kunjalonje siqinisekile ukuba ukubekwa kwebhunga elibizwa ngokuba yiGender-based Council, esilaziyo ukuba libhexeshwa nguSekela Mongameli welizwe lethu, lilo eliza kusinika umkhombandlela ukuze sibe nakho ukuphumeza yonke le mithetho mihle kangaka apha eMzantsi Afrika. Zonke izigqibo esivumelana ngazo, ingakumbi kweli bhunga, kuba kuhlala oongqondo-ngqondo, imibutho, imibutho engekho phantsi kolawulo lukarhulumente nabo bonke abantu abanolwazi lokuba sibambisana kwaye sisenza njani na singurhulumente okhokelwa yi-ANC, ziza kubonisa ukuba yonke le mithetho siyiwisileyo iphunyezwa njani na. Enkosi. (Translation of isiXhosa paragraph follows.)