UMPHATHISWA WEZOPHUHLISO LWAMAPHANDLE NOHLENGAHLENGISO LWEMIHLABA: Somlomo ohloniphekileyo, akukho nzwana ingenasiphako. Apha kuthethwa ngeNkulumbuso u-Ace Magashule, ongekhoyo apha ukuze aziphendulele. Ndazi ntonye kodwa mna ukuba sinelali ekuthiwa yiDiyatalawa, eFree State ... [Interjections.] ... Ewe, noba yifama ilungile Papi. Sinelali esiyakhe kwifama enkulu, entle. Siyakhe kunye noNkulumbuso uMagashule. La lali intle, inezindlu ezingama- 55, indlu nganye isebenzisa umbane welanga nezitrato zayo zisebenzisa lo mbane.