Mandiyichaze Somlomo ukuba uSihlalo noSekela Sihlalo weBhodi yakwaSABC baziyekele ngokwabo. UMphathiswa namhlanje kudliwano-ndlebe uqinisekise ukuba, ukuze avumelane nesigqibo kufuneka balandele inkqubo, akathanga makubuyiselwe uHlaudi Motsoeneng okanye angabuyiselwa koko iBhodi kufuneka ilandele inkqubo ukuze uMphathiswa akwazi ukungqina ngesigqibo sabo.