Enkosi Somlomo, andinawo umbuzo kodwa ndifuna ukuthi kuMnumzana uMaynier, ndiyavumelana noMphathiswa uSisulu ngazo zonke izinto aqhele ukuzithetha ngawe. Ungathini ukuthi emva kweminyaka eli-18 ungazi ukuba uMongameli neSekela lakhe bamelwe kukukhuselwa nokuba baya phi na. Ingxaki yakho kukuba, kuba ngoku kuphethe abantu abamnyama, ngoko mabahambe ngaphandle kokhuseleko. Kusaphethe thina okwangoku okanye i-ANC isaphethe, ayisoze yenzeke loo nto. Ndicela ukuba ningachithi ixesha lethu nisibuze imibuzo xa ningenanto yokwenza; sinayo thina into yokwenza. Enkosi. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Mrs P TSHWETE: Thank you, Speaker. I do not have a question but I just want to say to Mr Maynier that I agree with everything that Minister Sisulu usually says about him. How can you, after 18 years, not know that the President and his Deputy have to be protected wherever they go? Your problem is that now that black people are in power, they have to do without security. Whilst we are still in power or the ANC is still in power that is not going to happen. Please don't waste our time by asking us questions if you have nothing better to do; we do have something better to do. Thank you.]