Okokugqibela, asisayi kuxhomekeka kurhulumente. Ngamanye amazwi sithi , uMphathiswa wezeziMali makaphinde athathe engxoweni ahlawule eli tyala. Oku kuthetha ukuba imali efanele ukuphucula ukunikezelwa kweenkonzo kubantu beli loMzantsi Afrika, mayimane incedisa abantu baseGauteng. Asiyivumi loo nto. Wonke umntu odlula kwaba hola beendlela zikawonke-wonke bahle nabaphuculwe bafana nezitalato zegolide ezabonwa eJerusalem, makabahlawulele. Mabahlawulelwe ngabahlali baseGauteng. [Kwaqhwatywa.]
Iinjongo zokuphuculwa kwaba hola beendlela kukujongana nezinye iimeko. Kaloku masikhumbule ukuba asiphili kwilizwe elilodwa kwaye njengokuba sithetha ngokuphuculwa kwaba hola beendlela, kukho ingxaki ekhoyo kwezoqoqosho kwihlabathi jikelele. Ngoku sifaka uxinzelelo olufanayo nolo luviwa ngurhulumente wethu. Noko masisebenzisane sicinge nangakumbi, sijonge izinto ngolunye uhlobo.
Kwakhona ke, Sekela-Somlomo, lo mcimbi u-ethe-ethe unjalo kuba kaloku siyazi ukuba likhona ihlakani lethu ebekufanele ukuba siyavumelana nalo. Ingxaki endinayo, iCosatu, elihlakani lethu, yiyo ekhokela olu gwayimbo, ngokutsho kwabantu, kodwa aba bantu banxamnye nalo mthetho asibaboni beluxhasa olu gwayimbo. Basebenzisa imbumba yethu ukufezekisa iimfuno zabo. Loo nto kufuneka isonjululwe kwakamsinya ukuze - kaloku kudala kwezopolitiko ... (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[The DEPUTY SPEAKER: Thank you. Continue, hon member.