Mhlalingaphambili, Nxamalala, ndicinga ukuba ingcaciso oyinikileyo ukuba yayichazwe nguMphathiswa osingathe lo mcimbi kwakuqala kanye ngolu hlobo uyibeke ngalo, mhlawumbi ngowucacile lo mcimbi. Ngoku ke, kuba usithi ukuba le Palamente iyafuna ukuwuxoxa lo mcimbi, ingawuxoxa kodwa bendiya kucebisa ukuba laa mzi wakho yenye yeendawo ezingundoqo ngenxa yokuba unguMongameli. Ngoko ke, mna bendiya kucebisa into yokuba, ukuba kuyavunyelwana makuthunyelwe ikomiti eyahlolwayo ngokweenkqubo yezobuntlola apha ePalamente, iKomiti ejongene neMicimbi yeSebe lezobuNtlola ukuze iqwalasele - [Uwelewele.] [Kwahlekwa.] - hayi ... (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Mr B H HOLOMISA: Chairperson, Nxamalala, I think if your explanation had been given by the Minister responsible for this right from the beginning and in exactly the same manner, this matter might have been clarified. Now you are saying, if Parliament wants to discuss this, it can discuss it, but I would like to suggest that the Presidency, which is led by you, is the most suitable place for such a discussion. Therefore, if we agree on this, I would suggest that we delegate a committee that has been assessed using the parliamentary system of intelligence, the Joint Standing Committee on Intelligence so that it observes attentively ... [Interjections.] [Applause.] No ...]