NdinguDlangamandla, Deputy Speaker namalungu onke ahloniphekileyo. Nokuba ngubani, nokuba uphi, ukuba umntu ufuna ukuphelisa isizwe uya kusengela phantsi ulwimi lweso sizwe. Iyinyaniso into yokuba isidima soninzi lwabantu bakowethu sagruzulwa ngolunya ngaphandle kwembeko ngurhulumente wengcinezelo, ngokwala ukuba abantu babenako ukusebenzisa iilwimi zabo zemveli. (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Mr P NTSHIQELA:, Deputy Speaker and all honourable members, I am from the Dlangamandla clan. Whoever you are, and wherever you are, if you want to destroy the nation you would disregard the language of that nation. It is true that the dignity of the majority of our people was torn down without any respect by the apartheid government, by not giving the people the right to use their indigenous languages.]
In 1994, for the first time in history ... abantu baseMzantsi Afrika bathabatha isigqibo sokugudlula nokuncothula neengcambu ubuqhophololo nobuqhinga benkohlakalo yorhulumente wengcinezelo. Oko bakwenza ngokuqinisekisa ukuba ukunyashwa kwamalungelo abantu abasisininzi ngokuthi bathintelwe ukuba bangabinako ukusebenzisa iilwimi zabo zemveli, kupheliswe nyaa elizweni lethu. Kwanyanzeleka ukuba olu ninzi sithetha ngalo luvote. Lwavumelana ke ngoko ngamxhelo-mnye ukuba, amongst other things ukunyashwa kwamalungelo okusetyenziswa kweelwimi zabo zemveli kugudlulwe kwimithetho yamandulo. Kuye kwanyanzeleka ukuba lo rhulumente neSebe lezoBugcisa neNkcubeko enze ngohlobo abantu baseMzantsi Afrika abavumelene ngalo kuMgaqo-siseko weli lizwe ngeelwimi ezilishumi nanye. Okungekuko oko kuchasene nomthetho. Ndiyiqhwabela izandla iSABC ngokuphala phambili ekusebenziseni iilwimi phantse zonke zoMzantsi Afrika.
Makuqinisekiswe ngulo rhulumente neSebe lezoBugcisa neNkcubeko oku kulandelayo: (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[... the people of South Africa decided to do away with and uproot the corruption and cunning vindictiveness of the apartheid government. They did that by making sure that they redressed the violation of the majority's right to use their indigenous languages.
The majority that we are talking about was forced to vote. They agreed in one voice that, amongst other things, the violation of the right to use their indigenous languages be removed from the laws of the previous government. Government and the Department of Arts and Culture were forced to do as the people of South Africa agreed on in the Constitution regarding the use of the 11 official languages of the country. Failure to do so is against the law. I applaud the SABC for effecting the use of almost all the official languages of South Africa.
This government and the Department of Arts and Culture must make sure of the following:]
The practicality and effectiveness of language use in the Department of Arts and Culture, three languages of choice by each province, use of sign language in full swing, the visibility, functionality and effectiveness of PanSALB ... [Laughter.]
Kaloku mna zange ndiye esikolweni sasebusuku. [I never went to Abet school.] ... and championing a convincing programme designed for the use of all languages, as stipulated in the country's Constitution.
Mandinixelele kakuhle kule Palamente okokuba kumelwe iilwimi zesiNtu nabo balahlekelwa balahlekelwa ngamalungelo abo, babekwe phambili. Kodwa ke ngenxa yoko konke oku sithi siyiCongress of the People siyawuxhasa lo Mthetho osaYilwayo. Enkosi. (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Let me be straightforward with you and say that in this Parliament we support the use of indigenous languages and that those who do not know their rights are being prioritised. And because of that, the Congress of the People supports this Bill. Thank you.]