Xa sigqitha apho, ndifuna ukuthi , kulongamelo lwethu, siye safumanisa ukuba, njengoko besele nditshilo, abantu abakhubazekileyo abakawafumani amalungelo abo ngokwanelisekileyo. Umzekelo nje omcinci ngowokuba phaya kwezothutho asikabi nazo izithuthi zikawonke-wonke ezifikelelekayo kubantu abakhubazekileyo.