Thank you very much, hon Speaker.
Ndiyabulela, Mongameli wethu, ngempendulo yakho ecacileyo. Ukongeza apho sibulela kakhulu ukuzinikezela nokuzibophelela kukarhulumente waseMzantsi Afrika ukuqinisekisa ukuba esi senzo sincothulwa kunye neengcambu. Siyambulela urhulumente ngesenzo esinjalo.
Sikwabulela nale nxaxheba yokuba kuqinisekiswe ukuba la mazwe angoongxowankulu ayosondezwa ukuze aqinisekise ukuba nawo ayawavala amazibuko. Xa amazibuko siwavala ngapha abe evulelwa kwela cala loo nto iba yingxaki. Siyayibulela ke loo nto, Mongameli.
UMONGAMELI WERIPHABLIKI: Ndiyabulela, Somlomo. Ewe, siza kuqhubeka sisebenzisana nawo amazwe angoongxowankulu kuba kunyanzelekile ukuba sibafumane abantu abarhwaphiliza imali bayikhuphe kweli lizwe ngokungekho mthethweni ukuze ibuye imali yakuthi ize ekhaya. Ngoko ke siza kuqhubeka sisenza njalo. Ndiyabulela. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[I thank you, our President, for your straightforward answer. To add to that, we thank you very much for the responsibility taken by the government of South Africa in making sure that we root out this behaviour. We thank the government for such a move.
We also appreciate the initiative of making sure that the First World countries are brought on board so that we can be sure that they keep the ports closed. When we close the ports this side, they cannot be opened on the other side as that could be a problem. We thank you for that, President.