Somlomo, esi sisivumelwano kwaye yayisisivumelwano sentlanganiso kwantlandlolo ukuba amandla omkhuseli wamalungelo amalungu omkhosi awasekelwanga phantsi kwemiqathango yesaHluko se-9.
Eyona nto aza kujongana nayo ngqo umkhuseli wamalungelo ziindlela zokusebenza kwamalungu omkhosi. Into yokuba ukuzimela geqe kwale ofisi kusemgciphekweni, ngamampunge kwaye lulwimi etywaleni. [Kwaqwhatywa.]
Umphathi wale ofisi nesekela lakhe, baza kuthatha isifungo sentembeko, sokuzibophelela, nokuhlela izikhalazo neendlela zokuzisombulula ngokukhawuleza nangokunyanisekileyo.
Kananjalo, into yokuba iLungu lePalamente elisandul' ukuthetha apha alizange livunyelwe ukuba lithethe entlanganisweni ngamaLungu ePalamente, ngamampunge. Imibuzo eyayibuzwe leli lungu yaphendulwa ntlandlolo, kwaye lo Mthetho oYilwayo wawuzile apha KwiNdlu yoWiso-mthetho, savumelana ukuba lo Mthetho oYilwayo awusekelwanga phantsi kwale miqathango. Amalungu omkhosi anawo amalungelo, kodwa la malungelo mawabe phantsi kwale ofisi yokujonga amalungu omkhosi. Enkosi, ndisatshaya. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.) [Ms N R MABEDLA: Chairperson, this is the resolution that was taken a long time ago in a meeting, that the Military Ombudsman's powers are not based on the provisions of the Section 9 institutions.
The Military Ombudsman will focus specifically on the working conditions of the members of the Defence and Military Veterans. The claims that the independence of this office is at risk are misleading and are lies. [Applause.]
The Military Ombudsman and his deputy will take an Oath of Office on trust and allegiance, and sort out complaints with possible ways of resolving them effectively and efficiently.
Also, the claim that the previous speaker, a Member of Parliament, was barred from speaking in the meeting by other Members of Parliament is a lie. Answers from the questions that this member asked were given a long time ago and this Bill came to the National Assembly and we agreed that this Bill was not based on those provisions. Members of the Defence and Military Veterans have rights but these rights must be under the office of the Military Ombudsman. Thank you [Applause.]]