Chairperson, hon Ministers, Deputy Ministers and members, the Portfolio Committee on Human Settlements undertook an oversight visit to Mpumalanga province from 24 to 30 July 2011. The central objective of the oversight visit was to afford the Portfolio Committee on Human Settlements a direct engagement with the provincial department of human settlements, the municipalities and other stakeholders. The committee intended to critically assess the implementation of human settlement strategic plans, projects and programmes in general. The delegation also had the opportunity to interact with the various communities.
Sihlalo siyakuncoma esithe sakubona eMpumalanga. Bazimisele kakhulu, ingakumbi le nkqubo ibizwa ngokuba yi-Outcome 8, ukufezekisa iinjongo zayo. Baneprojekthi eseKlarinet kwisithili saseNkangala. Loo projekhthi iquka ukuphuculwa kwamatyotyombe kunye nezindlu eziqeshisayo kwaye ibonelela nabo bangakwaziyo ukufumana isibonelelo sezindlu zikarhulumente ngenxa yemivuzo ephezulu kanti bengakwazi nokufumana imali-mboleko ezibhankini yokuthenga izindlu ngenxa yemivuzo ephantsi.
Okwesibini esikuncomayo yinkqubo yokuguqulwa kwehositele zibe ziindawo zokuhlala. Le nkqubo yenzeka ngolona hlobo lukhuthazayo eMpumalanga. Kwinkqubo yokunikezela ngezindlu ebantwini babonakalisa ukukhuthala okukhulu baze bazinikela ukuba baza kwakha izindlu ezingama-5000 kulo nyakamali wama-2011-2012.
Kwisicwangciso sabo sibonile ukuba babafakile ookopolotyeni bezindlu. Okunye esikuncomayo yinkqubo yophuhliso yamafama ekuthiwa yi-Agri-village Development Programme abathe babonakalisa ukuyikhuthalela kakhulu. Siyibonile phaya eVan Wyk Vlei Agri-village, siyabancoma ke abantu bephondo laseMpumalanga.
Noxa kunjalo ikhona imiceli-mngeni esithe sayibona. Owokuqala umceli-mngeni abanawo kukuqalisa iCandelo 10 (a) no (b), loMthetho wokunikezela ngeZindlu. Into ethi yenzeke kukuba abo bafumana uncedo ngokubonelelwa ngezindlu umntu uye ayithengise xa ethenga enye indlu ize ibe yeyona ngxaki inkulu ke leyo.
Kukho imemorandam eyatyikitywa nelizwe laseChina elaliza kubonelela ngezindlu ezingama-400 kodwa kweso sivumelwano sabo isebe liye laqaphela ukuba kukho izinto ezingahambi kakuhle. Ezi zinto zibandakanya iindlela zokuphathwa kwabasebenzi, ukuthotyelwa kwemithetho yerhafu nokungakwazi kwabasebenzi babo ukufumana iimpepha zokuphangela kweli.
Siqaphele ukuba ukususela ngowama-2001, sisazi sonke ukuba oomasipala babephantsi kweDistrict Management Areas kwathi kwabakho utshintshongowama- 2006, iPilgrim's Rest yona ayikwazanga ukutshintsheka,isahleli iphantsi kwe-