Kwiingcebiso zethu, sicela uMphathiswa asazise ngesaa sivumelwano nelizwe laseChina. Okwesibini, kukho iiflethi apho udonga lwezindlu zangasese ludilikayo. Loo nto ithetha ukuba laa ndawo iyingozi kakhulu. Sincoma uMphathiswa wethu othe wakwazi ukubonelela abantu ngendawo yokuhlala okwethutyana lo gama kulungiswa udonga lwaseSimile.