Thank you, Chair.
Ndiyabulela Sekela-Mongameli ngempendulo kwaye le nto yinto esiza kuyidlulisa ebantwini xa siphuma sisiya kwenza umsebenzi wethu ekuhlaleni. Umbuzo wam olandela lowaa wokuqala uthi: Ingaba urhulumente uza kuba nalo na igalelo lokuncenda abantu, ingakumbi kwezi solar geysers, njengoko ebesele eqalile u-Eskom? Ezi geysers bezinceda ukucutha iindleko zombane. Ingaba urhulumente unazo na inzame azenzayo ukuncedisa le nkqubo ukuba iphinde iqale ekuqaleni, ingakumbi kwezi zindlu zabantu ababefudula bengenanto kuqala? (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Thank you, Deputy President, for the response, which we will relay to the people when we are doing our constituency work. My follow-up question is: Will government have a contribution towards the acquisition of solar geysers as Eskom has already started to assist the people? These geysers have helped reduce electricity consumption and costs. Does government have a plan to support this programme so that it resumes, especially in the houses of the historically disadvantaged?]