Somlomo, Sekela Mongameli, ndiphakamela nje ukucebisa kule nto yeziniki-maxabiso. Into ebuhlungu ngayo le nto yeziniki-maxabiso kukuba kwayekwa inkqubo apho urhulumente wayeqesha abantu abasokolayo, umzekelo, xa kusenziwa iindlela.
Ziyenziwa ke ezi ndlela kuqeshwe abo bantu bangama-20 okanye bali-15. Emva koko uyaphela umsebenzi, baphelelwe yimali abo bantu, kodwa ukunakekelwa nokulondolozwa kwaloo ndlela kuyakulinda kude kube lolunye uHlahlo-lwabiwo- mali kunyaka olandelayo. Ukuncedisa aba bantu basokolayo emakhaya, ingaba ayinakuba bubulumko na into yokuba kubuyelwe kulaa nkqubo yamandulo apho iSebe lezeMisebenzi yoLuntu lalinezixhobo zalo zokusebenza, kwiingingqi ngeengigqi kukho aba bantu kwakusithiwa ngoonontente, njalo njalo, khon' ukuze abantu bafumane umsebenzi?
Mandulo, ngethuba ubungunobhala jikelele wombutho wabasebenzi i-NUM, xa amadoda edendiwe phaya emigodini, besiwaxelela phaya emakhaya ukuba aza kuba iinkomo ngoko ke mawaye kuphangela kwiSebe lezeMisebenzi yoLuntu. Mhlawumbi ngelo xesha umntu uneminyaka engama-40 kodwa ebephangela enaloo minyaka ingama-40 ubudala ade abe kubudala beminyaka engama-65, eqinisekile ukuba inyanga nenyanga uza kufumana imali. Kuloo mali babesondla bekwafundisa abantwana babo.
Ingaba akuqondi na ukuba le nto ibandakanya iziniki-maxabiso, njengokuba uyibona ukuba inokubola okuninzi, iphinda isibethe ngokuphindwe kabini nakweli cala labantu kuba bathi sabayekisa into ababephila ngayo. Abantu bayakhalaza ngokuthi kunikwa mntu uthile iziniki-maxabiso aze loo mntu aqeshe inkosikazi yakhe nabantwana bakhe bodwa bona behleli emakhaya. Awuboni kanjalo, Mhlekazi? [Kwahlekwa.]
USEKELA-MONGAMELI WERIPHABLIKI: Enkosi, mkhuluwa wam, ndivumelana nawe ukuba, enyanisweni, iSebe lezeMisebenzi yoLuntu kunyanzelekile ukuba libuyele kulaa ndlela indala yokuba libe nabo abantu ekuthiwa ngabasebenzi jikelele bokwenza imisebenzi eyahlukeneyo. Umsebenzi jikelele wenza yonke imisebenzi. Umzekelo, xa kophuke ifestile esikolweni ize ixelwe ngentsimbi yethoba, ngentsimbi yeshumi umsebenzi jikelele woba sele ephaya efakela ifestile entsha. Ndicinga ukuba, ukuba singasebenza ngolo hlobo, kungabakho imisebenzi ezilalini kwaye nonakekelo nolondolozo lwezakhiwo nezinye iziseko zophuhliso lungenzeka ngexesha. Inkqubo enjalo ingasisebenzela nangokubhekisele kubantu abafana nabasebenzi bezamanzi nogutyulo. Umzekelo, ukho endimaziyo obebaluleke kakhulu phaya eBhayi ekuthiwa nguGalelekile Vito. Xa kukho umbhombho ovingcekileyo utaka ngoko nangoko aye kuwulungisa. Ndivumelana nawe, mkhuluwa wam. Enkosi. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr B H HOLOMISA: Hon Speaker, Deputy President, I would like to comment on the question of tenders. The sad part about the issue of tenders is that government has phased out the process of utilising the underprivileged people, for example, when building the roads.
They do construct the roads with the manpower of 20 or even 15 people. And after that there are no more jobs, no salaries for those people, and the maintenance of those roads will have to wait for the budget allocation of the next financial year. To assist the underprivileged, wouldn't it be wise to revert to the old Public Works system which had its own resources, with its own road maintenance workers in each and every region, etc, to help people get employment?
Back then, when you were the secretary-general of NUM, we used to tell men who were retrenched from the mines to go and join Public Works so that they didn't end up stealing our cattle. Sometimes you will find that a person is 40 years old, but he will continue working until he is 65 years old, and by that time he is sure that he will get money each and every month. They looked after their families and managed to enrol their children in school with that money.
Don't you think that all this involves tenders, as you can see that it is rotten with corruption, and that this problem is twofold in the sense that people are also blaming us for depriving them of their means of survival? People are complaining that tenders are awarded to a certain person who employs only his family members, such as this wife and children, leaving the rest of the community members unemployed. Don't you think so, sir? [Laughter.]