Somlomo, abahlali beelali zaseMt Frere, kulaa mhlaba wamaBhaca, baxhotyiswe ngobuchule bokulondoloza imali nokusebenzisa ibhanki emva kokuqeqeshwa yingcali yakwaNedbank esebenzisana noWhiphold kunye no-Old Mutual. Le Projekthi Imbizo, njengoko ibisaziwa, ixhobise abemi basezilalini ngolwazi lweenkcukacha zebhanki nangeendlela abantu abanokuzisombulula ngazo iingxaki ezidibene nemali.
Ibhanki yakwaNedbank ibonakalise umdla nokuzibophelela kwiinzame zokwenza ukuba le bhanki ifikeleleke kuye wonke ummi, ize iphembelele uphuhliso, ubungcali, imfundo, idale nemisebenzi. Iziqhamo zolu phuhliso zibonakala phaya kuCentane kwisitiya sezithole esiqalwe liqela lamakhosikazi asekuhlaleni.
Lo mfelandawonye uphuhlile kuba sele uthengisa izithole koosomashishini nakubantu beziphaluka zakuCentane. Xa benolwazi oluphangaleleyo ngeendlela ngeendlela zokulondoloza imali ebhankini nakwi-inshorensi, bangathso babe nekamva eliqaqambileyo kwezezimali.
Ndininqwenelela okuhle konke. Enkosi. [Kwaqwatywa.] (Translation of isiXhosa member's statement follows.)
[Chief Z M D MANDELA (ANC): Speaker, the community of Mt Frere, in the Bhaca district, has been empowered with ways of saving money and shown how to use banking services, having been trained by the consultants of Nedbank in partnership with Wiphold and Old Mutual. This Project Imbizo, as they call it, empowered the communities of these villages with information in respect of services offered by the banks and how they can solve their financial problems.
Nedbank has shown interest and a commitment to be accessible to every citizen in order to bring about development, professionalism, education, and create jobs. The outcomes of this development are clearly seen in the establishment of the gardens in Centane district, which cultivate seedlings, and which were formed by a group of women from this community.
This co-operative is well organised because they have managed to sell seedlings to businesspeople and to the people of Centane district. If they could have knowledge on the various ways of saving money in the banking and insurance industry, they could have a brighter future regarding money matters.
All the best to you. Thank you. [Applause.]]