Ndiyabulela Somlomo. Ndililungu elihloniphekileyo uDunjwa, umatshini wam awusebenzi. Ndiyabulela Sekela-mongameli ngeempendulo ezicacileyo othe wasinika zona nangokusikhumbuza ukuba sithe sath atha imigaqo yamanye amazwe. Siyakubulela ke ngokusikhumbuza loo nto. Kodwa ke, ndithe xa ndimamele ndeva ukuba uyacacisa ukuba ikhona into elungiswayo yi- ofisi yakho. Sithi ke asizokuphinda sibuze omnye umbuzo, ntonje sicela i- ofisi yakho, nesigqeba sakho kunye nathi singamaLungu ePalamente ukuba silungise apho siqondayo ukuba asenzi ngokufanelekileyo. Ndiyabulela. [Kwaqhwatywa.]
USEKELA-MONGAMELI: Nam ndiyabulela. [Kwahlekwa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Ms M L DUNJWA: Thank you, hon Speaker. I am hon Dunjwa; my microphone is not working at all. Thank you, Deputy President, for the crystal clear answers you have provided and for reminding us that we have adopted the policies of other countries. We thank you for reminding us. However, as I am listening I heard that you are explaining that there is something your office is doing. We will not ask any further questions, but we request you and your staff at the office, the executive, the hon Members of Parliament to rectify what we have not been doing correctly. Thank you. [Applause.]