Sikhule sibasa iinkuni emakhaya, kukho izitovu zamalahle, kuyinto nje emnandi xa sothe umlilo. Ngelishwa ke, isimo siyanyanzela kwezi ntsuku ukuba kube libhaqo ukwenza njalo kuba kaloku imithi namatyholo asiyinqunqi siyayivuthulula. Amalahle akhupha le tyhefu kuthiwa yi-carbon dioxide.