Kuba itshes iyabanceda abantwana ukulola iingqondo zabo, bakwazi ukucinga ngakumbi, ingakumbi xa sijongene nezibalo. Abantwana bethu baza kukwazi ukucinga ngokufanelekileyo, kwaye iyaqeqesha. Ndiyathemba ukuba noko uMphathiswa uzakukwazi ukubekela eli hlelo imadlana, ukuze abantwana bethu bakhuphisane ukuze sibe nabo abadlali abafana noKarpov osuka kweliya laseRashiya oyinjinga namhlanje.