Xa ndiza kuyeka, ndiyacinga ukuba amalungu ale Ndlu athethile, adomboza, azathuza kwavokotheka, kodwa ndicinga ukuba kula malungu e-DA kuza kufuneka ukuba amanye awo siwanike amakhadi obulungu e-ANC kuba sifake isigama esitsha esithetha ngenguquko. [Kwahlekwa.] Ukuba besimmamele uMnu Van der Linde uthethe ngenguquko, ekhalaza. Ndicinga ukuba ooyisemkhulu ngabo aba basenzela le ngxaki sikuyo nje singurhulumente we-ANC.