...ukuba ukudlwengulwa nokuxhatshazwa koomama nabantwana zizenzo ezingamkelekanga kakhulu kubantu baseMzantsi Afrika nakurhulumente wethu. Kungoko ke sakhe imithetho eliqela, ukususela ngo-1994, yokukhusela oomama nabantwana. NoMgaqo-siseko wethu ukwamele ukukhusela amalungelo oomama. Kungoko amasebe ahlukeneyo karhulumente esenza unakonako wokuba oomama bakhuseleke; ndibala iSebe lezamaPolisa, kunye neSebe lezoMthetho.