Xa ndiza kuhlala phantsi ndifuna ukuthi urhulumente akanakho ukuwubamba yedwa lo mthwalo. Lo mthwalo ufuna siphathisane ngokubanzi nesizwe, oomama nootata, ikakhulu. Ndifuna ukuthi nabefundisi bethu sifuna ukubabona bedlala indima ebalulekileyo kulo mba. Sifuna ukuva uMfundisi uMeshoe, ngecawa xa eshumayela, ethetha ngalo mcimbi. [Kwaqhwatywa.]