Siza kumisela i-16 Days of Activism for no Violence against Women and Children. Njengoko besitshilo ngaphambili, sithi asiyiyo eyamakhosikazi kuphela le nto; yeyoomama nootata nesizwe siphela. Ngoko ke siyathemba ukuba abefundisi bethu, iinkokheli zethu zoluntu nabo bonke ootata abazinikezeleyo baza kuba behamba nathi kweli phulo lingaka, esithi makube liphulo leentsuku ezingama-365, unyaka wonke uphela. Ndiyabulela. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)